44 Wamangaliswa ke uPilato akuva ukuba uYesu selefile, waza wabiza umphathi-butho wamajoni, wambuza ukuba uYesu selenexesha na efile.
45 Wathi ke, akuqonda kumphathi-butho lowo, wamnika uJosefu umzimba kaYesu.
46 UJosefu ke, ethenge ilinen, wamthula uYesu, wamsongela kuyo, wambeka engcwabeni elalixholwe eliweni, waqengqela ilitye, walivala ingcwaba.
47 Babona ke ooMariya waseMagadala noMariya unina kaYose apho wayebekwe khona uYesu.