11 Bona ke, bakuva ukuba uYesu uhleli, nokuba ukhe wabonwa nguMariya, basuka àbakholwa.][
12 Emva koko wabonakaliswa ngolunye uhlobo kubafundi ababini ababehamba besiya emaphandleni.
13 Kwanabo ke baya kubaxelela abanye abafundi, kodwa àbakholwa nangabo.][
14 Emva koko uYesu wazibonakalisa kubafundi abalishumi elinanye besetafileni. Wabakhalimela ngenxa yokungakholwa kwabo nangenxa yokuba lukhuni kweentliziyo zabo, kuba bengakholwa kubo abo babembonile evukile.
15 Wathi ke kubo: “Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezimnandi kulo lonke elimiweyo.
16 Lowo ukholwayo abhaptizwe wosindiswa; ke yena ongakholwayo wogwetywa.
17 Nantsi imiqondiso eya kulandelana nâbo bakholwayo: baya kuthi egameni lam bakhuphe iindimoni; baya kuthetha ngeelwimi ezintsha;