3 Babethetha bodwa, besithi: “Ngubani na oya kusiqengqela ilitye lisuke engcwabeni?”
4 Elo litye lalilikhulu kakhulu, baza bathi bakukhangela babona ukuba liqengqiwe lesuka engcwabeni.
5 Bangena ke engcwabeni, babona indodana ehleli ngasekunene, izithe wambu ngengubo ende emhlophe, baza bamangaliswa.
6 Yathi ke yona kubo: “Musani ukumangaliseka. Nifuna uYesu umNazarete, owayebethelelwe emnqamlezweni. Uvukile; akakho apha. Nantsi indawo abebembeke kuyo.
7 Hambani niye kubaxelela abafundi bakhe noPetros ukuba uyanandulela ukuya kwelaseGalili. Nombona khona apho njengoko wayetshilo kuni.”
8 Baphuma ke engcwabeni bebaleka, bengcangcazela besoyika. Abathetha nto ke nakubani, kuba babesoyika.[
9 Ekuseni ngeCawe, akuba uYesu evukile ekufeni, wabonakala kuqala kuMariya waseMagadala. Ke yena ngulo uYesu wayekhuphe iindimoni ezisixhenxe kuye.