2 Ke kwahlanganisana into eninzi yabantu, kwada akwabikho ndawo nangasemnyango.Kwathi ke xa uYesu wayesashumayela,
3 kwafika abantu, bezise kuye umntu ofe umzimba, ethwelwe ngabané.
4 Bakuba bengenakusondela kuYesu ngenxa yokuxinana kwendimbane, baqhaqhe uphahla ngakuloo ndawo wayekuyo. Begqobhozile ke, bamhlisa ngokhuko lowo ufe umzimba.
5 UYesu akulubona ukholo lwabo, wathi kofe umzimba: “Nyana, izono zakho zixolelwe.”
6 Abachazi-mthetho abathile, ababekhona, bathi ezintliziyweni zabo:
7 “Yini na ukuba lo athethe ngolu hlobo? Uyanyelisa! Ngubani onako ukuxolela izono ingenguye uThixo kuphela?”
8 Kwangoko uYesu wazazi iingcamango zabo, wathi kubo: “Yini na ukuba nibe nezi ngcamango ezintliziyweni zenu?