32 Wayengqongwe sisihlwele sabantu, kwaza kwakho othi kuye: “Uxolo, nanku unyoko nabantakwenu ngaphandle, bekufuna.”
33 Wabaphendula esithi: “Ngubani umama? Ngoobani bona abantakwethu?”
34 Ebasingasingile ke abo babemngqongile, wathi: “Nguye lo umama nabantakwethu.
35 Kaloku lowo uthe wakwenza ukuthanda kukaThixo nguye ongumntakwethu, nodade wethu, nomama.”