13 Wathi ke kubo uYesu: “Aniwulandeli na lo mzekeliso? Niya kuyazi kanjani kakade imizekeliso?
14 Umhlwayeli lo uhlwayela ilizwi.
15 Abo ke basendleleni, apho ilizwi likaThixo lihlwayelwa khona, ngâbo bathi, bakuba bevile, bafikelwe kwangoko nguSathana, emke nalo ilizwi elihlwayelweyo kubo.
16 Ke abo banjengendawo elulwalwa ekuhlwayelwe kuyo ngabathi, bakuba belivile ilizwi, balamkele kwangoko bevuya;
17 kodwa babe bengenazingcambu zendeleyo, beme umzuzwana kuphela; bathi emva koko, kwakufika imbandezelo okanye intshutshiso ngenxa yelizwi, boyisakale kwangoko.
18 Abo banjengendawo enokhula ekuhlwayelwe kuyo ngabathi balive ilizwi,
19 aze ke amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, nokunqwenela ezinye izinto, kungene kuliminxe ilizwi, lize lingabi nasiqhamo.