25 Lowo sukuba enolutho uya kunikwa, athi lowo ungenanto ahluthwe kwanaloo nto anayo.”
26 Kwakhona uYesu wathi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nokuthi umntu ahlwayele imbewu entsimini,
27 aze alale avuke imihla ngemihla, ibe yona imbewu intshula ikhula ngohlobo angalwaziyo.
28 Kaloku umhlaba uvelisa iziqhamo ngokwawo: kuqala iba likhaba, ize ibe yindubulo, ize ibe sisikhwebu esivuthiweyo.
29 Xa ke ithe yavuthwa ingqolowa, ingenwa ngerhenqe kwangoko, kuba ixesha lokuvuna lifikile.”
30 Kwakhona uYesu wathi: “Singakufanekisa nantoni na ukulawula kukaThixo? Singakuzekelisa ngamzekeliso mni?
31 Kunjengokhozo lwembewu yemostade. Ukhozo lwemostade lulolona luncinane kuzo zonke iintlobo zembewu emhlabeni,