4 Ekuhlwayeleni kwakhe inxenye yembewu yawa endleleni, zafika iintaka zayichola zayigqiba.
5 Enye imbewu yawa endaweni elulwalwa, apho kwakungekho mhlaba waneleyo; yantshula ke kwangoko, ngenxa yokungabi nabunzulu bamhlaba.
6 Kuthe ke, lakuba shushu ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenazingcambu zendeleyo, yoma kwaphela.
7 Enye yawa endaweni enokhula, olwathi lwakukhula, lwayiminxa, ayaba nasiqhamo.
8 Enye yawa kumhlaba olungileyo, yakhula, yachuma, yavelisa isiqhamo: enye amashumi amathathu, enye amashumi amathandathu, nenye ikhulu.”
9 Wathi ke kubo uYesu: “Oneendlebe zokuva makeve.”
10 Ke kaloku kwathi xa uYesu wayenâbo babengakuye, bekunye nabafundi abalishumi elinambini, bambuza ngale mizekeliso.