8 Enye yawa kumhlaba olungileyo, yakhula, yachuma, yavelisa isiqhamo: enye amashumi amathathu, enye amashumi amathandathu, nenye ikhulu.”
9 Wathi ke kubo uYesu: “Oneendlebe zokuva makeve.”
10 Ke kaloku kwathi xa uYesu wayenâbo babengakuye, bekunye nabafundi abalishumi elinambini, bambuza ngale mizekeliso.
11 Wathi kubo: “Nikuphiwe nina okokuba niyazi indlela yokulawula kukaThixo, kodwa abo bangakuphiwanga baziva ngemizekeliso nje zonke ezi zinto;
12 ukuze, njengoko zitshoyo *iziBhalo,“ ‘Bebona nje, babone bangaqiqi;besiva nje, beve bangaqondi;hleze baguquke, baxolelwe.’”
13 Wathi ke kubo uYesu: “Aniwulandeli na lo mzekeliso? Niya kuyazi kanjani kakade imizekeliso?
14 Umhlwayeli lo uhlwayela ilizwi.