15 Bafika kuYesu, bambona lowo ubephethwe ngumkhosi weendimoni ehleli phantsi, enxibile, esezingqondweni; baza boyika.
16 Abo babeyibonile loo nto babaxelela okwenzekileyo kobephethwe ziindimoni, nokwenzekileyo ezihagwini.
17 Baza ke bambongoza uYesu ukuba emke kuloo mmandla wabo.
18 Xa wayengene esikhitshaneni uYesu, lowo ubephethwe ziindimoni wambongoza ukuba ahambe naye.
19 Kodwa akamvumelanga; koko wathi kuye: “Goduka, ubaxelele abakowenu oko ikwenzeleyo iNkosi: inceba engaka!”
20 Wemka ke, wakuxela kummandla weeDolophu eziliShumi oko uYesu wayemenzele kona. Bamangaliswa bonke abantu.
21 Akuba uYesu ebuye wawela uLwandle lwaseGalili ngesikhitshana, kwahlanganisana ngaselwandle apho isihlwele esikhulu.