17 Baza ke bambongoza uYesu ukuba emke kuloo mmandla wabo.
18 Xa wayengene esikhitshaneni uYesu, lowo ubephethwe ziindimoni wambongoza ukuba ahambe naye.
19 Kodwa akamvumelanga; koko wathi kuye: “Goduka, ubaxelele abakowenu oko ikwenzeleyo iNkosi: inceba engaka!”
20 Wemka ke, wakuxela kummandla weeDolophu eziliShumi oko uYesu wayemenzele kona. Bamangaliswa bonke abantu.
21 Akuba uYesu ebuye wawela uLwandle lwaseGalili ngesikhitshana, kwahlanganisana ngaselwandle apho isihlwele esikhulu.
22 Kwathi ke kwafika igosa lendlu yesikhungo, eligama linguJayiro, elathi lakumbona, lakhahlela,
23 laza lambongoza, lisithi: “Intombi yam isindekile. Khawuze ubeke izandla zakho phezu kwayo, ukuze ichache, iphile.”