21 Akuba uYesu ebuye wawela uLwandle lwaseGalili ngesikhitshana, kwahlanganisana ngaselwandle apho isihlwele esikhulu.
22 Kwathi ke kwafika igosa lendlu yesikhungo, eligama linguJayiro, elathi lakumbona, lakhahlela,
23 laza lambongoza, lisithi: “Intombi yam isindekile. Khawuze ubeke izandla zakho phezu kwayo, ukuze ichache, iphile.”
24 UYesu ke wahamba nalo, ephahlwe yindimbane enkulu eyayimxinile.
25 Kwakukho nomfazi owayehlamba engaphezi iminyaka elishumi elinambini esifa,
26 ephatheke kabuhlungu kumagqirha amaninzi. Wayedleke konke awayenako, engancedakali, kodwa eya egula ngakumbi.
27 Evile ke ngoYesu, wasondela kuye ngasemva esesihlweleni apho, wayichukumisa ingubo yakhe;