40 Bahlala phantsi ke bengamaqela ngamaqela, bengamakhulu namashumi ngamahlanu.
41 Wazithatha uYesu ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, wathi, ekhangele ezulwini, wabulela, waziqhekeza izonka, wazinika abafundi bakhe, ukuba bazabele abantu. Kwanezo ntlanzi zimbini wazabela bona bonke.
42 Batya ke bonke bahlutha.
43 Kwaqokelelwa okuseleyo esonkeni nasentlanzini, kwazalisa iingobozi ezilishumi elinambini.
44 Abo bâthi bazitya izonka ezo babekumawaka amahlanu amadoda.
45 Kwangoko ke uYesu wabanyanzela abafundi bakhe ukuba bangene esikhitshaneni, bamandulele baye ngaphesheya eBhetesayida, ngeli xa yena asindululayo isihlwele.
46 Akuba ke ebulisile, wemka waya kuthandaza entabeni.