26 Lo mfazi, ontetho yayisisiGrike, wayengumSirofenikazi ngokuzalwa. Wabongoza uYesu ukuba ayikhuphe kwintombazana yakhe indimoni leyo.
27 Wathi ke uYesu kuye: “Khawuyeke kuhluthe abantwana kuqala. Kaloku akufanelekanga ukuba ukutya kwabantwana kunikwe iinjana.”
28 Waphendula yena wathi kuye: “Kunjalo, Nkosi, kodwa noko iinjana eziphantsi kwetafile zitya imvuthuluka yokutya kwabantwana.”
29 Waza wathi kuye uYesu: “Ngenxa yokuthethileyo, hamba uhambe: indimoni iphumile kwintombazana yakho.”
30 Egodukile ke, wayifumana intombazana yakhe ingqengqe ebhedini, iphumile indimoni.
31 UYesu ke waphuma emideni yaseTire, wadlula eSidon, waya kuLwandle lwaseGalili, ecanda kweleeDolophu eziliShumi.
32 Kweziswa kuye isithulu esithintithayo, wabongozwa ukuba abeke isandla phezu kwaso.