34 wakhangela ezulwini, wancwina wathi kuso: “Efata;” (oko kukuthi: “Vuleka”).
35 Zavuleka ke kwangoko iindlebe zaso, yacombuluka ingqambu yolwimi lwaso, sathetha kakuhle.
36 UYesu wabayala ukuba bangaxeleli bani, kodwa okukhona wabayalayo, kwaba kokukhona bakuvakalisayo ngakumbi.
37 Abantu bamangaliswa bathi nqa, besithi: “Konke akwenzayo ukwenza kakuhle; uzenza nezithulu zive, nezimumu zithethe.”