23 UYesu wayibamba ngesandla imfama leyo, waphuma nayo edolophini; waza wayiqaba ngamathe emehlweni, wayibeka izandla, wayibuza ukuba inanto iyibonayo na.
24 Yaphakamisa intloko, yathi: “Ndibona abantu, bengathi yimithi. Nâbo behamba.”
25 Kwakhona ke uYesu wazibeka izandla emehlweni ayo, yaza yakhangela yondela, yaphila, yabona konke ngokucacileyo.
26 UYesu ke wayiyalela ukuba igoduke, esithi: “Sukubuyela edolophini.”
27 Wemka uYesu nabafundi bakhe, waya ezidolophini zaseKhesariya-Filipi. Endleleni wababuza abafundi bakhe esithi: “Ngaba abantu bathi ndingubani na?”
28 Bamphendula besithi: “Kuthiwa ùnguYohane umbhaptizi. Abanye bathi ùnguEliya. Kanti abanye bathi ùngomye *wabashumayeli.”
29 Wathi ke yena kubo: “Ke nina nithi ndingubani?”Waphendula uPetros esithi kuye: “Wena unguye *uKrestu.”