35 Kuba othe wathanda ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezimnandi ezi, wobusindisa.
36 Kuba kaloku komnceda ntoni umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, kodwa walahlekelwa bubomi bakhe?
37 Okanye umntu wobeka ntoni elingana nexabiso lobomi bakhe?
38 Othe ke waneentloni ndim nangamazwi am kwesi sizukulwana sonayo, sikrexezayo ngokunganyaniseki kuThixo, naye uNyana woLuntu woba neentloni nguye, xa athe weza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele.”