4 Bamphendula abafundi bakhe besithi: “Kungafumaneka phi apha entlango ukutya okunokubanela aba bantu?”
5 Wababuza ke esithi: “Zingaphi izonka eninazo?”Bathi ke bona: “Zisixhenxe.”
6 UYesu ke wasiyalela ukuba sihlale phantsi isihlwele; wazithatha ezo zonka zisixhenxe, wabulela, waziqhekeza, wazinika abafundi bakhe ukuba bazabele isihlwele. Benjenjalo ke.
7 Babenazo neentlanzana ezimbalwa. Akuba uYesu ebulele kuThixo, wathi mazabelwe isihlwele nazo.
8 Batya ke, bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iibhaskiti ezisixhenxe zizele yintsalela.
9 UYesu wasindulula ke eso sihlwele esasikumawaka amane abantu;
10 waza kwangoko wakhwela esikhitshaneni kunye nabafundi bakhe, waya kummandla waseDalmanuta.