8 Batya ke, bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iibhaskiti ezisixhenxe zizele yintsalela.
9 UYesu wasindulula ke eso sihlwele esasikumawaka amane abantu;
10 waza kwangoko wakhwela esikhitshaneni kunye nabafundi bakhe, waya kummandla waseDalmanuta.
11 Bafika ke *abaFarasi, baza bamgocagoca ngemibuzo uYesu, befuna umqondiso ovela ezulwini, bemlinga.
12 Watsho ngesingqala esibuhlungu, wathi kubo: “Yini na ukuba esi sizukulwana singxamele umqondiso? Ndithi kuni, inene, soze siwunikwe umqondiso onjalo esi sizukulwana!”
13 Wabashiya, waphinda wakhwela esikhitshaneni, wemka waya ngaphesheya koLwandle lwaseGalili.
14 Abafundi babelibele ukuphatha izonka, benesonka esinye kuphela esikhitshaneni.