1 Wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, kukho abathile kwabakhoyo apha abangayi kuze beve kufa, bade bakubone ukuthwasa kolawulo lukaThixo olunobunganga.”
2 Emva kweentsuku ezintandathu, uYesu uthathe uPetros noYakobi noYohane, banyuka intaba ephakamileyo bebodwa. UYesu ke wenziwa kumila kumbi phambi kwabo.
3 Zasuka nezambatho zakhe zabengezela, zamhlophe qhwa; zamhlophe ngangokuba kungabikho bani emhlabeni apha unokuzenza njalo.
4 Kwabonakala uEliya noMosis bethetha noYesu.
5 Wasuka ke uPetros wathi kuYesu: “Mfundisi, kulungile ukuba sibe lapha. Masakhe amaphempe abe mathathu: elinye libe lelakho, elinye libe lelikaMosis, elinye libe lelikaEliya.”