25 UYesu ke, ebona isihlwele sibuthelana ngakumbi, wayikhalimela indimoni, esithi kuyo: “Ndimonindini engathethiyo, esisithulu, ndithi kuwe, phuma kuye, ungaze uphinde ungene!”
26 Yakhala indimoni, yambetha watsho waxhuzula kunene umntwana, yaphuma. Umntwana lowo ke waba njengofileyo, bada abaninzi bathi: “Ufile.”
27 UYesu ke wambamba ngesandla, wamvusa, wesuka wema.
28 UYesu eye kungena endlwini, abafundi bakhe bambuza ngasese besithi: “Bekutheni ukuba singabi nako ukuyikhupha le ndimoni thina?”
29 Wathi kubo: “Olu lona uhlobo alunako ukuphuma kungengako ukuthandaza.”
30 Bemkile apho, bahamba becanda kwelaseGalili. UYesu wayengafuni ukuba aziwe apho akhona,
31 kuba wayebaxelela abafundi bakhe, esithi kubo: “UNyana woLuntu wonikelwa ezandleni zabantu abaya kumbulala. Wothi ke ebulewe njalo, abuye avuke ngomhla wesithathu.”