3 Zasuka nezambatho zakhe zabengezela, zamhlophe qhwa; zamhlophe ngangokuba kungabikho bani emhlabeni apha unokuzenza njalo.
4 Kwabonakala uEliya noMosis bethetha noYesu.
5 Wasuka ke uPetros wathi kuYesu: “Mfundisi, kulungile ukuba sibe lapha. Masakhe amaphempe abe mathathu: elinye libe lelakho, elinye libe lelikaMosis, elinye libe lelikaEliya.”
6 Wayesitsho kuba ebengayazi into anokuyithetha, kuba babesoyika kakhulu.
7 Ke kwabakho ilifu elibagubungelayo, kwavakala nelizwi livela efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; yivani yena.”
8 Bakusinga-singa ke, ababa sabona mntu wumbi ngaphandle koYesu.
9 Xa babesihla entabeni, uYesu wabayala ukuba bangazixeleli bani ezo zinto bazibonileyo, ade yena *uNyana woLuntu avuke kwabafileyo.