39 Wathi uYesu: “Hayi, ngeningamnqandanga, kuba akukho namnye unokuthi enze ummangaliso egameni lam, aze andigxeke.
40 Ongachasaniyo nathi ungakuthi.
41 Inene, othe wanipha nekomityi le yamanzi ngenxa yam, ngokuba ningabakaKrestu, wowamkela ngokuqinisekileyo umvuzo wakhe.”
42 “Othe wakhubekisa nokuba mnye wabancinane abakholwayo, ngekumlungele kanye ukuba ebegangxwe ilitye lokusila entanyeni, waphoswa elwandle.
43 Ukuba ke isandla sakho sithe sakukhubekisa sinqumle. Kulunge kanye ukuba ungene ebomini usisilima, kunokuba uthi, unezandla zozibini, umke uye esihogweni, emlilweni ongacimiyo, [
44 apho ‘kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacimiyo.’]
45 Nokuba unyawo lwakho luthe lwakukhubekisa, lunqumle. Kulunge kanye ukuba ungene ebomini usisiqhwala, kunokuba uthi uneenyawo zombini, uphoswe esihogweni, [emlilweni ongacimiyo,