44 apho ‘kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacimiyo.’]
45 Nokuba unyawo lwakho luthe lwakukhubekisa, lunqumle. Kulunge kanye ukuba ungene ebomini usisiqhwala, kunokuba uthi uneenyawo zombini, uphoswe esihogweni, [emlilweni ongacimiyo,
46 apho ‘kumpethu, ingafiyo, kumlilo ungacimiyo.’]
47 Nokuba ke iliso lakho lithe lakukhubekisa, likhuphe. Kulunge kanye ukuxhamla ukulawulwa nguThixo unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo omabini, uphoswe esihogweni,
48 apho ‘kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacimiyo.’
49 “Umntu ngamnye uya kugalelwa umlilo ngokungathi yityiwa.
50 Ityiwa ilungile, kodwa ukuba ithe ayaba nasongo noyithini na ukuyibuyisela isongo sayo? Yibani nesongo setyiwa phakathi kwenu, nihlale ninoxolo omnye nomnye.”