8 Bakusinga-singa ke, ababa sabona mntu wumbi ngaphandle koYesu.
9 Xa babesihla entabeni, uYesu wabayala ukuba bangazixeleli bani ezo zinto bazibonileyo, ade yena *uNyana woLuntu avuke kwabafileyo.
10 Babambelela kule ntetho, bebuzana bodwa ukuba ngaba ukuvuka kubo abafileyo kukuthini na.
11 Bambuza uYesu besithi: “Kungani na ukuba abachazi-mthetho bathi uEliya umelwe kukufika kuqala?”
12 Waphendula wathi kubo: “Ewe, okunene nguEliya ofikayo kuqala azilungise zonke izinto. Kodwa ke kutheni ukuba *iziBhalo zitsho ukuthi uNyana woLuntu ufanele ukuva ubunzima obukhulu, enziwe into engento yanto?
13 Mna ke ndithi kuni: ufikile uEliya, baza abantu benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko zitshoyo ngaye iziBhalo.”
14 Bakufika kubafundi, babona isihlwele sibangqongile, nabachazi-mthetho bebaxoxisa.