1 Umbono kaIsaya unyana ka-Amotsi, awawubonayo ngokusingisele kuYuda neYerusalem, ngemihla yoUziya, noYotam, noAhazi, noHezekiya, ookumkani bakwaYuda.
2 Yivani, mazulu; bekani indlebe, hlabathi, ngokuba kuthetha uYehova. Uthi, Ndikhulisé abantwana ndabondla, besuka bakreqa kum.
3 Inkomo iyamazi umniniyo, ne-esile liyawazi umkhombe wesitali senkosi yalo; ke yena uSirayeli akazi, abantu bam abaqiqi.
4 Hayi, luhlanga lonayo, bantu banobugwenxa, mbewu yabenza ububi, nyana bonákalisayo! Bamshiyile uYehova, bamgibile oyiNgcwele kaSirayeli, babuyela emva.
5 Yini na ukuba nimane ukubethwa, nimane ukukwandisa ukutyeka? Yonke intloko iyafa, yonke intliziyo inobulwelwe;