18 Khanize sibonisane, utsho uYehova; nokuba izono zenu zide zavela zanjengengubo ebomvu, zoba mhlophe njengekhephu; nokuba zide zayingqombela njengebala elibomvu, zovela zinjengoboya begusha.
19 Ukuba nithe navuma naphulaphula, nodla izinto ezilungileyo zelizwe;
20 ukuba nithe ànavuma, naba neenkani, nodliwa likrele; kuba umlomo kaYehova uthethile.
21 Yoo! Útheni na ukuba lihenyukazi umzi lo, ubunyanisile; ubuzele kokusesikweni; ubulungisa bebulala kuwo; ke ngoku ngabancinithi!
22 Isilivere yakho isuke yaba ligwebu; iwayini yakho entle ingxengelelwe ngamanzi.
23 Abathetheli bakho baziinjubaqa, ngamadlelana namasela; bathanda izicengo bonke bephela, basukela imivuzo; ityala lenkedama abaligwebi, netyala lomhlolokazi alinakufika kubo.
24 Ngako oko itsho iNkosi, uYehova wemikhosi, imbalasane yakwaSirayeli, ukuthi, Yeha! Ndiya kuzithuthuzela kubabandezeli bam, ndiziphindezelele ezintshabeni zam.