1 Isihlabo esisingisele kwiYiputa. Bona ke uYehova ekhwele efini elinamendu, uza eYiputa. Ziya kudidizela izithixo ezingento zaseYiputa phambi kwakhe, intliziyo yeYiputa inyibilika phakathi kwayo.
2 AmaYiputa ndiya kuwaxhokonxela kwa-amaYiputa, alwe elowo nomzalwana wakhe, elowo nommelwane wakhe, umzi nomzi, ubukumkani nobukumkani.
3 Wóthiwa qongqololo umoya wamaYiputa phakathi kwawo; ndilingìnye icebo lawo, aquqele kwizithixo ezingento, nakwabadumzelayo, nakwabaneshologu, nakoosiyazi;
4 ndiwavìngcele amaYiputa ngesandla senkosi esilukhuni, alawulwe ngukumkani onengcwangu; itsho iNkosi, uYehova wemikhosi.
5 Aya kuthi qoko amanzi aselwandle, utshe wome umlambo;