11 Bazizimathane zodwa abathetheli baseTsohan; amaphakathi alumkileyo kaFaro, icebo labo libubutyhakala. Ningáthini na ukuthi kuFaro, Ndingunyana wezilumko, ndingunyana wookumkani bamandulo?
12 Ziphi na, ziphi na ke izilumko zakho? Mazikuxèlele kaloku, ziyazi into ayicebileyo uYehova wemikhosi ngeYiputa.
13 Bazizimathane abathetheli baseTsohan, balukuhliwe abathetheli baseNofu; bayilahlekisile iYiputa abayimbombo yezizwe zayo.
14 UYehova uthululele embilinini wayo umoya wobugwenxa, ukuba bayihlahlekise iYiputa ekwenzeni kwayo konke, njengokugxadazela kwenxila emhlanzweni walo.
15 IYiputa ayiyi kuba nasenzo isenzayo intloko kwanomsila, isebe lesundu nomzí womlambo,
16 Ngaloo mini amaYiputa aya kuba njengabafazi, agubhe, ankwantye phambi kokulingisa ngesandla kukaYehova wemikhosi, alingisa ngaso kuwo.
17 Umhlaba wakwaYuda woyixhalabisa iYiputa; athi othe wawukhankanya kuyo, ankwantye, ngenxa yecebo likaYehova wemikhosi, alicebileyo ngayo.