1 Ilizwi awalibonayo uIsaya unyana ka-Amotsi, ngokusingisele kuYuda neYerusalem.
2 Ke kaloku kuya kuthi ekupheleni kwemihla, intaba yendlu kaYehova ivelele ezincotsheni zazo iintaba, izongamele iinduli, zibe ngumsinga ukuya kuyo zonke iintlanga.
3 Kuya kuhamba izizwe ezininzi, zithi, Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova, endlwini kaThixo kaYakobi; asiyàlele iindlela zakhe, sihambe ngomendo wakhe. Kuba kuya kuphuma umyalelo eZiyon, nelizwi likaYehova eYerusalem.
4 Úya kugweba phakathi kweentlanga, ohlwaye izizwe ezininzi; ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zeediliya; uhlanga lungaphakamiseli uhlanga ikrele, nezizwe zingaphindi zifunde ukulwa.
5 Ndlu kaYakobi, yizani, sihambe ekukhanyeni kukaYehova.
6 Kuba ùbalahlile abantu bakho, indlu kaYakobi; ngokuba bezele zizinto zasempumalanga, bengamatola njengamaFilisti, bebambene ngezandla nabantwana bezinye iintlanga.
7 Ilizwe labo lizele yisilivere negolide; abunakuphela ubuncwane babo. Ilizwe labo lizele ngamahashe; azinakuphela iinqwelo zabo zokulwa.