1 Yabona uYehova ulithi qongqololo ihlabathi, ulenza amagqagala, uyabuphethula ubuso balo, uyabachithachitha abemi balo;
2 kube mfani-nye abantu nababingeleli, kube mfani-nye ikhoboka nenkosi yalo, kube mfani-nye ikhobokazana nenkosikazi yalo, kube mfani-nye othengayo nothengisayo, kube mfani-nye obolekayo nobolekwayo,
3 kube mfani-nye umnikimali nomamkelimali. Ihlabathi lithiwé qongqololo ngakunye, liphangwé liphangiwe; kuba uYehova elithethile elo lizwi.
4 Ihlabathi lenza isijwili, libunile; lintshwenyile, libunile elimiweyo; bathe matshamatsha abaphakamileyo ebantwini behlabathi.
5 Ihlabathi lihlanjelwe ngaphantsi kwabemi balo; ngokokuba beyigqithile imiyalelo, badlula emimiselweni, bawaphula umnqophiso ongunaphakade.
6 Ngenxa yoko lidliwe ihlabathi kukuqalekiswa, bathwele ityala abemiyo kulo; ngenxa yoko baphanzile abemi behlabathi, kwasala abantu abambalwa.
7 Iwayini entsha yenza isijwili, untshwenyile umdiliya, bayancwina bonke abantliziyo inemivuyo.