1 Ngaloo mini kuya kuvunywa le ngoma ezweni lakwaYuda, ithi, Yinqaba umzi wethu thina; úmisa iidonga nongqameko zibe lusindiso.
2 Vulani amasango, lungene uhlanga olunobulungisa, olugcine ukuthembeka.
3 Intliziyo ezimasekileyo ùyayilondoloza, ixole ixolile; ngokuba ikholose ngawe.
4 Kholosani ngoYehova ngonaphakade; kuba uYa, uYehova, uliliwa elingunaphakade.
5 Ngokuba uthulele phantsi abahleli phezulu; umzi oyingxonde uwugungxule wawugungxulela emhlabeni, wawufikisa eluthulini.
6 Ziyawunyasha iinyawo, iinyawo zeentsizana, amanyathelo ezisweli.