3 Intliziyo ezimasekileyo ùyayilondoloza, ixole ixolile; ngokuba ikholose ngawe.
4 Kholosani ngoYehova ngonaphakade; kuba uYa, uYehova, uliliwa elingunaphakade.
5 Ngokuba uthulele phantsi abahleli phezulu; umzi oyingxonde uwugungxule wawugungxulela emhlabeni, wawufikisa eluthulini.
6 Ziyawunyasha iinyawo, iinyawo zeentsizana, amanyathelo ezisweli.
7 Umendo wamalungisa ulungelelene; wena uyawulinganisela umkhondo wamalungisa, ulungelelane.
8 Kakade, Yehova, sìbe sikulindile, ukuba uze emendweni wemigwebo yakho; umnqweno womphefumlo wethu wasinga egameni lakho, nasekukukhumbuleni.
9 Nangomphefumlo wam ndakúnqwenela ebusuku; inene, ngomoya wam phakathi kwam ndakúfuna kwakusasa; ngokuba xenikweni imigwebo yakho ibhekiswe ehlabathini, baya kufunda ubulungisa abemi belimiweyo.