8 Kakade, Yehova, sìbe sikulindile, ukuba uze emendweni wemigwebo yakho; umnqweno womphefumlo wethu wasinga egameni lakho, nasekukukhumbuleni.
9 Nangomphefumlo wam ndakúnqwenela ebusuku; inene, ngomoya wam phakathi kwam ndakúfuna kwakusasa; ngokuba xenikweni imigwebo yakho ibhekiswe ehlabathini, baya kufunda ubulungisa abemi belimiweyo.
10 Nokuba úthe wababalwa ongendawo, akafundi bulungisa; nasezweni labathe gca uyagqwetha; akabuboni ubungangamsha bukaYehova.
11 Yehova, síbe siphakamile isandla sakho, àbabona; ke baya kulibona ikhwele lakho ngenxa yabantu, badane; ewe, umlilo mawubadle ababandezeli bakho.
12 Yehova, ùya kusimisela uxolo; ngokuba nezenzo zethu zonke usisebenzele.
13 Yehova Thixo wethu, iinkosi ezingenguwe bezinobukhosi phezu kwethu; kodwa sikhankanya igama lakho ngawe wedwa.
14 Abafileyo abo abasayi kuba saphila; abangasekhoyo abo abasayi kuba savuka; ngoko ke ubavelele wabatshabalalisa, wakwenza kwadaka konke ukukhunjulwa kwabo.