11 Inene, úya kuthetha ngentetho ethintithayo nangalulwimi lumbi kwaba bantu;
12 watshoyo kubo ukuthi, Nantsi indawo yokuphumla, phumzani abatyhafileyo; nantsi indawo yokunyhamnyheka; basuka àbavuma ukuva.
13 Ngoko ke ilizwi likaYehova loba ngumthetho phezu komthetho kubo, umthetho phezu komthetho; ngummiselo phezu kommiselo, ummiselo phezu kommiselo; intwana apha, intwana phaya: ukuze baye bakhubeke, bawe ngomva, baphuke, barhintyelwe, babanjiswe.
14 Ngako oko liveni ilizwi likaYehova, madoda agxekayo, balawuli baba bantu baseYerusalem.
15 Ngokuba nisithi, Sinqophiséne nokufa, sivumelene nelabafileyo; isibetho esingumkhukula, xa singenelayo, asiyi kufika kuthi, kuba amanga siwenzé ihlathi lethu, sasithela ngobuxoki.
16 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndiseké eZiyon ilitye, ilitye locikido, ilitye elinqabileyo lembombo, loseko olusekiweyo. Okholiweyo akayi kungxama.
17 Isiko ndolenza intambo yokulinganisa, ubulungisa ndibenze ilothe yokulungelelanisa; isichotho siya kumka nalo ihlathi lamanga, amanzi ayikhukulise indawo yokusithela.