9 Imbonakalo yobuso babo iyangqina ngabo, bayazixela izono zabo njengeSodom, àbakhanyeli. Yeha umphefumlo wabo, ngokuba beziphethe kakubi kwabona!
10 Yithi kumalungisa, kuya kulunga kuwo; ngokuba isiqhamo sezenzo zawo aya kusidla.
11 Yeha ongendawo! Kuya kuba kubi kuye; ngokuba ukuphatha kwezandla zakhe kuya kwenziwa kuye.
12 Abantu bam bakhandaniswa ngabantwana, balawulwa ngabafazi. Bantu bam, abakhokeli benu ngabandwendwisi, bayigqukile indlela yomendo wenu.
13 Úsukile wema uYehova ukuba athethe ityala; umi ukuba agwebe ebantwini.
14 UYehova uya kungena ematyaleni namadoda amakhulu abantu bakhe, nabathetheli babo; esithi, Ke nina nisigqibile isidiliya; okuphangwe kusizana kusezindlwini zenu.
15 Ninani na, ukuba nibatyumze nje abantu bam, nibusìle ubuso beentsizana? itsho iNkosi, uYehova wemikhosi.