15 Ngokuba itsho iNkosi, uYehova oyiNgwcele kaSirayeli, ukuthi, Beniya kusindiswa kukubuya nakukuphumla; ebengabakhoyo amandla enu ngokuzola nangokukholosa; nasuka ànavuma.
16 Ke nathi, Hayi, sìya kubaleka ngamahashe; niya kubaleka kambe. Nathi, Siya kukhwela kwiimbaleki; ngenxa yoko baya kuba namendu abanisukelayo.
17 Niya kubaleka niliwaka, ekhalime emnye; bekhalime bebahlanu, nibaleke nide sinale njengomtshanyane encotsheni yentaba, nanjengebhanile* endulini.
18 Ngako oko uYehova uya kukha alinde, ukuze anibabale; ngako oko uya kukha akhwelele phezulu, ukuze abe nemfesane kuni; ngokuba nguThixo wogwebo uYehova; hayi, uyolo lwabo bonke abalindele kuye!
19 Ngokuba abantu aba baya kuhlala eZiyon, eYerusalem; aniyi kuba sabuya nilile; uya kunibabala ngenene ekuvakaleni kokukhala kwenu; ákukuva, uya kusabela.
20 INkosi iya kuninika isonka sobandezelweyo namanzi oxiniweyo, bangabi sazímela abayali bakho, amehlo akho esababona abayali bakho;
21 iindlebe zakho zive ilizwi ngasemva kwakho, lisithi, Nantsi indlela; hambani ngayo, nokuba nisinga ekunene, nokuba nisinga ekhohlo.