2 abahamba bahle baye eYiputa, bengabuzanga emlonyeni wam, basabele egwibeni likaFaro, bazímele ngomthunzi weYiputa!
3 Ngoko ke liya kuthi igwiba likaFaro libe lidano kuni, nokuzímela ngomthunzi weYiputa kube lihlazo.
4 Ngokuba abathetheli babo báseTsohan, nabathunywa babo bafike eHanes.
5 Bonke baya kudana ngabantu abangàbanyusiyo, abangengabokunceda, nabangengabokunyusa; abangábokudanisa, abangabokuhlazisa kananjalo.
6 Isihlabo esisingisele kwimvubu yelasezantsi.Ezweni leembandezelo nengcutheko, lengonyamakazi nengonyama, lephimpi, lenyushu enobuhlungu ephaphazelayo, babethwele ubutyebi babo ngemihlana yamankonyana amaesile, nobuncwane babo ngamalunda eenkamela, besiya kubantu abangenakubanyusa.
7 AmaYiputa ke aya kunceda ngokungekwanto nangokulambathayo; ngako oko ndithe ngawo ángabagwagwisayo, behleli phantsi bethe tu.
8 Yiya ngoku, ukrole oko elucwecweni únabo, ukubhale encwadini, kube yinto yemihla ezayo, yanini, yaphakade.