2 umntu abe njengendawo yokuzímela umoya, neyokusithela esiphangweni; abe njengemijelo yamanzi emqwebedwini, njengomthunzi wengxondorha enkulu ezweni elibharhileyo.
3 Akayi kuvingcwa amehlo ababonayo; zibazeke iindlebe zabevayo.
4 Yoqonda ukwazi intliziyo yabangxamayo, ulwimi lwabathintithayo lungxamise ukuthetha ngokuthe tyhatyhasini.
5 Isidenge akuyi kuba sathiwa silinene, itshivela akuyi kuthiwa lilinono;
6 kuba isidenge sithetha ubudenge, intliziyo yaso yenza ubutshinga, ukuze senze ububi; sithetha into yokubhuda ngoYehova, silambathise umphefumlo wolambileyo, simswelise onxaniweyo into eselwayo.
7 Ubutshivela betshivela bubi; liceba amayelenqe okonakalisa iintsizana ngamazwi obuxoki, naxa ihlwempu lithetha ngokusesikweni.
8 Inene lona liceba izinto zobunene; lona limi ngezinto zobunene.