1 Ngelo xesha uMerodaki-bhaladan, unyana kaBhaladan, ukumkani waseBhabheli, wathumela incwadi nomnikelo kuHezekiya; kuba wayevile ukuba ubesifa, wabuya wachacha.
2 Wavuya uHezekiya ngabo, wababonisa indlu yakhe yezinto aziqwebileyo: isilivere, negolide, nobulawu, neoli entle, nendlu yonke yezixhobo zakhe, nento yonke ebikho ebuncwaneni bakhe. Akwabakho nto endlwini yakhe nasekulawuleni kwakhe konke, angababonisanga yona uHezekiya.
3 Waya uIsaya umprofeti kukumkani uHezekiya, wathi kuye, Atheni na la madoda? avele ngaphi na ukuza kuwe? Wathi uHezekiya, Avele ezweni elikude eBhabheli, esiza kum.
4 Wathi ke, Abone ntoni na endlwini yakho? Wathi uHezekiya, Abone into yonke esendlwini yam; akubangakho nto ndingababonisanga yona ebuncwaneni bam.