21 Abantu endizibumbeleyo baya kubalisa indumiso yam.
22 Akundinqulanga ke mna, Yakobi, ngokude uzixhamle ngam, Sirayeli.
23 Akundiziselanga mpahla imfutshane yamadini akho anyukayo; akundizukisanga ngamibingelelo yakho. Andikukhonzisanga ngaminikelo yakudla, andikudinisanga ngantlaka imhlophe.
24 Akundithengelanga kalamo* ngemali, akundihluthisanga ngamanqatha emibingelelo yakho; hayi, ùndikhonzise ngezono zakho, undidinisile ngobugwenxa bakho.
25 Mna ndinguye ocima izikreqo zakho ngenxa yam, ndingazikhumbuli izono zakho.
26 Ndíkhumbuze, masimangalelane; misa intetho yakho, ukuze ugwetyelwe.
27 Uyihlo wokuqala wóna, nabalamleli bakho bakreqa kum.