3 Mabutyhileke ubuzé bakho, kubonakale nokungcikiveka kwakho; ndiya kuphindezela, andiyi kubuka mntu.
4 Umkhululi wethu, igama lakhe nguYehova wemikhosi, oyiNgcwele kaSirayeli.
5 Hlala uthi cwaka, ungene emnyameni, ntombi ingamaKaledi; ngokuba akuyi kuba sabizwa ngokuba uyinkosikazi yezikumkani.
6 Ndába noburhalarhume kubantu bam, ndalingcolisa ilifa lam, ndabanikela ezandleni zakho; akwaba namfesane kubo; naphezu kwamadoda amakhulu wayenza yanzima kakhulu idyokhwe yakho.
7 Ubusithi, Ndiya kuba yinkosikazi ngonaphakade; wada akwakunyamekela oko ngentliziyo, akwalikhumbula ikamva lakho oko.
8 Kaloku ke yiva oku, wena mxhamli weziyolo, uhleliyo ukholosile, wena uthi entliziyweni yakho, Ndim kwaphela, akukho wumbi; andiyi kuhlala ndingumhlolokazi, andiyi kukwazi ukungabi nabantwana.
9 Ziya kukuzela ezo zinto zombini ngephanyazo, ngamini-nye, ukungabi nabantwana nobuhlolokazi; ziya kukuzela ngokugqibelela kwazo ebuninzini bokukhafula kwakho, enkitheni eninzi yomabophe bakho.