1 Yivani oko, ndlu kaYakobi, nibizwayo ngegama likaSirayeli, naphumáyo emanzini kaYuda; nina nilifungayo igama likaYehova, nimkhankanye uThixo kaSirayeli, kungenganyaniso, kungengabulungisa.
2 Ngokuba bazibiza ngokuthi ngabomzi ongcwele, bazixhase ngoThixo kaSirayeli, ogama lakhe linguYehova wemikhosi.
3 Izinto zangaphambili ndazixela kwanîni; zaphuma emlonyeni wam, ndazibonakalalisa; ndazenza ngesiquphe, zabakho.
4 Ngokukwazi kwam ukuba ùlukhuni, nentamo yakho ingumsipha wesinyithi,
5 nebunzi lakho lilubhedu, ndakuxelela ezo zinto kwanîni; zingekafiki ndakuvisa, hleze uthi, Isithixo sam sizenzile, umfanekiso wam oqingqiweyo notyhidiweyo uzimisile.
6 Ùvile; sikhangele zonke ziphela; wena ke akunakuzixela na? Ndiya kukuvisa izinto ezintsha, ezifihlakeleyo, obungazazi.
7 Zidalwa ngoku, azidalwanga kwanîni; ingekabikho le mini, ubungaziva; hleze uthi, Yabona, bendizazi.