1 Ngubani na okholiweyo ludaba lwethu, nengalo kaYehova ityhileké kubani na?
2 Kuba yena umkhonzi unyuka njengegatya phambi kwakhe, njengehlumelo eliphuma ezweni elingumqwebedu, engenasithomo nabungangamela; sakukhangela, akwabakho kubonakala ukuba masimnqwenele.
3 Údeliwe, ushiyiwe ngabantu; yindoda enomvandedwa, eqhelene nesifo; wanga ngulowo kusitheliswa kuye ubuso, udeliwe, thina ke àsambeka.
4 Okwenene, uzithabathele phezu kwakhe izifo zethu, wathwala umvandedwa wethu, ke thina besiba ungobandezelwayo nguThixo, ungocinezelwa nguye.
5 Kanti yena uhlatywe ngenxa yezikreqo zethu, watyunyuzwa ngenxa yezenzo zethu ezigwenxa; ubetho lokuba sibe noxolo thina lube luphezu kwakhe; siphiliswé ngemivumbo yakhe.
6 Thina zonke salahleka njengeegusha, sabheka elowo endleleni yakhe, waza uYehova wamwela ngobugwenxa bethu sonke.