3 Ke nina, sondelani apha, nyana betolakazi, mbewu yomkrexezi neyehenyukazi.
4 Nivuyelela bani na? Nisinekela bani na, ning'ong'oza nje?
5 Àningabantwana bokreqo, imbewu yobuxoki, yini na, nina bazitshisekisayo emiterebhintini, phantsi kwemithi yonke eluhlaza; nina babasikayo abantwana ezihlanjeni phantsi kwemiqhokro yeengxondorha?
6 Isahlulo sakho saba sematyeni agudileyo esihlambo; wona aba ngamaqashiso akho; kananjalo wawathululela amadini athululwayo, wenyusa iminikelo yokudla kuwo. Mandizithuthùzele na ngezo zinto?
7 Entabeni ephakamileyo ende wabeka isilili sakho, wenyuka waya kubingelela imibingelelo nalapho.
8 Isikhumbuzo sakho wasibeka emva kocango nomgubasi; ngokuba wathi ungekum wazityhila, wenyuka, wasenza sabanzi isilili sakho, wanqophisana nabo, wathanda kulala nabo, wandlala ukhuko.
9 Wahambela kukumkani uneoli, wanyhikiza iziqholo zakho, wazithuma kude izigidimi zakho, wazithoba kwada kwaba kwelabafileyo.