6 Isahlulo sakho saba sematyeni agudileyo esihlambo; wona aba ngamaqashiso akho; kananjalo wawathululela amadini athululwayo, wenyusa iminikelo yokudla kuwo. Mandizithuthùzele na ngezo zinto?
7 Entabeni ephakamileyo ende wabeka isilili sakho, wenyuka waya kubingelela imibingelelo nalapho.
8 Isikhumbuzo sakho wasibeka emva kocango nomgubasi; ngokuba wathi ungekum wazityhila, wenyuka, wasenza sabanzi isilili sakho, wanqophisana nabo, wathanda kulala nabo, wandlala ukhuko.
9 Wahambela kukumkani uneoli, wanyhikiza iziqholo zakho, wazithuma kude izigidimi zakho, wazithoba kwada kwaba kwelabafileyo.
10 Wadinwa ngokuba nde kwendlela yakho; àkwathi, Ndincamile; wawafumana ebuya ephila amandla akho ngenxa yoko akuthanga fehlefehle.
11 Ubunesithukuthezi ngabani na, ubusoyika bani na, ukuba uthethe amanga, ungandikhumbuli, ungakunyamekeli oko ngentliziyo? Àndithe quthu na kususela kwaphakade, ungandoyiki nje?
12 Ndiya kubuxela mna ubulungisa bakho, nezenzo zakho aziyi kukunceda nto.