3 Kuba izandla zenu zidyobhekile ligazi, neminwe yenu bubugwenxa; nomlomo wenu uthetha ubuxoki, ulwimi lwenu ludumzela ubugqwetha.
4 Akukho uvakalisa ilizwi elinobulungisa, akukho umangalelana nomnye enyanisile; bakholosé ngochuku, bathethé inkohlakalo; bakhawula ububi, bazale ubutshinga.
5 Baqandusela amaqanda erhamba, baluka izindlu zesigcawu. Lowo udla amaqanda abo uya kufa; elinyathelweyo liqandulelwa inyushu.
6 Imisonto yabo ayiyi kuba yingubo, nemisebenzi yabo ayiyi kubagubungela. Izenzo zabo zizenzo zobutshinga; ukusebenza ngogonyamelo kusezandleni zabo.
7 Iinyawo zabo zigidimela ebubini, zikhawuleze ukuya kuphalaza igazi elimsulwa; iingcinga zabo ziingcinga zobutshinga; emendweni wabo kukubhuqa nokwaphula.
8 Àbayazi indlela yoxolo, okusesikweni akukho emikhondweni yabo; bazijikajikile iindlela zabo; bonke abanyathela kuzo àbalwazi uxolo.
9 Ngenxa yoko kukude kuthi okusesikweni, nobulungisa abufikeleli kuthi. Sithembé ukukhanya, nanku ke kumnyama; sithembé ukuba kube mhlophe, sihamba esithokothokweni.