12 wayihambisa ngasekunene kukaMoses ingalo yokuhomba kwakhe? wawacanda amanzi phambi kwabo, ukuze azenzele igama elingunaphakade?
13 wabahambisa emanzini anzongonzongo, njengehashe entlango, àbakhubeka?
14 Njengeenkomo ezihla ziye entilini, uMoya kaYehova wabaphumza; wènjenjalo ukubaqhuba abantu bakho, ukuze uzenzele igama elizukileyo.
15 Bheka usemazulwini, ubone usengontsini yobungcwele bakho neyesihombo sakho. Buphi na ubukhwele bakho nobugorha bakho? Ukusika kwezibilini zakho neemfesane zakho zibambekile kum.
16 Kuba ùngubawo wena, ngokuba uAbraham engasazi, uSirayeli engasinakani; wena, Yehova, unguBawo, uMkhululi wethu ligama lakho kwasephakadeni.
17 Yini na ukuba usiyeke sidungudele, Yehova, simke ezindleleni zakho, uyiqaqadekise intliziyo yethu, singakoyiki wena? Búya, ngenxa yabakhonzi bakho, izizwe zelifa lakho.
18 Abantu bakho abangcwele bádla ilifa umzuzwana; ababandezeli bethu báyigqusha ingcwele yakho.