9 Mna ndingàvelisisa na, ndingazalisi? utsho uYehova; ndingàthi mna ndizalisayo ndivingce na? utsho uThixo wakho.
10 Vuyisanani neYerusalem, nigcobe ngayo, nonke bayithandayo; yenzani imihlali nibe nemihlali, nonke bayenzalayo isijwili;
11 ukuze nanye nihluthe libele leentuthuzelo zayo, ukuze nishube, nixhamle ukwehlisa kozuko lwayo.
12 Ngokuba uYehova utsho ukuthi, Yabonani, ndisingisa uxolo kuyo njengomlambo, nozuko lweentlanga njengesihlambo esikhukulayo, ukuze nanye; niya kubelekwa ephangweni, niteketiswe emathangéni.
13 Njengomntu othuthuzelwa ngunina, ndiya kwenjenjalo mna ukunithuthuzela, nithuthuzelwe eYerusalem.
14 Nobona, ibe nemihlali intliziyo yenu, ahlume amathambo enu njengohlaza, sazeke isandla sikaYehova ebakhonzini bakhe, azibhavumele iintshaba zakhe.
15 Kuba, yabonani, uYehova uya kuza ngomlilo, zinjengesaqhwithi iinqwelo zakhe zokulwa, ukuze abuyekeze umsindo wakhe ngobushushu, nokukhalima kwakhe ngamalangatye omlilo.