18 Kothi ngaloo mini uYehova ayenzele ikhwelo impukane esekupheleni kwemijelo yoMnayile waseYiputa, nenyosi esezweni laseAsiriya;
19 zize, ziphumle zonke ziphela ezihlanjeni eziphakathi kwamaxandeka, nasezimfanteni zeengxondorha, nasezintangweni zonke zemiqaqoba, nasemadlelweni onke.
20 Ngaloo mini iNkosi iya kuguya ngesitshetshe esiqeshiweyo selasezinxwemeni zoMlambo,* ngokumkani waseAsiriya, intloko noboya beenyawo; siphephethe neendevu.
21 Kothi ngaloo mini umntu aphilise ithokazi lenkomo neemazi zezimvu zibe mbini;
22 kuthi ngokwehlisa kwazo kakhulu adle amasi; ngokuba baya kudla amasi nobusi bonke abo baseleyo phakathi kwelizwe.
23 Kothi ngaloo mini zonke iindawo ezazinewaka lemidiliya elimelwe liwaka leesilivere, zibe zezobobo namakhakakhaka.
24 Kuya kuyiwa khona neentolo nezaphetha; ngokuba lonke ilizwe liya kuba lubobo namakhakakhaka.